- Table View
- List View
IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 12 Incwadi yomfundi: UBC Uncontracted
by M. Mdliva N. SolomonIincwadi zika – IsiXhosa Ngumdiliya luluhlu lweencwadi zolwimi lwesiXhosa esele kukudala zikho ezikolweni, kodwa ngoku zivela sele zibhalwe ngokutsha ngokomgaqo we-CAPS wokufundisa eziklasini, nopasiswe kutsha nje liSebe lezeMfundo yeli lizwe. Ezi ncwadi zisuka kumabanga asezantsi e-Foundation Phase, awe-Intermediate Phase, nawe-Senior Phase. Kuzo zonke ezi klasi zinyuka ezi ncwadi sele ziqulunqwe ngokwalo mgaqo mtsha. Ezi ncwadi ziqulunqwe zanencwadi yabafundi enemisetyenzana kwakunye nencwadi katitshala. Okuqulathwe ngaphakathi kwezi ncwadi kucwangciswe kakuhle ngohlobo oluhlangabezana nomfundi kwinkqubo yokufunda eklasini eqhuba ngokwamanqanaba. Zonke izifundo ziqulunqwe phantsi kwezi zakhono zilandelayo, Ukuphulaphula nokuthetha, Ukufunda nokubukela, Ukubhala nokunikezela, ngelixa imiba yegrama nolwimi ithe ngcembe ukuxovulwa ngelixa ziqhubeka ezi zakhono. Khumbula kaloku ukuba imiba yegrama nolwimi asisiso isifundo esima sithi geqe sodwa, koko siqhubeka sivela ngelixa ziqhubeka izifundo kwiklasi yakho. Ezi ncwadi zilungiselele abo bakwizinga eliphantsi kwizifundo zabo zokuqaphela imiba yolwimi, kanti nabo bakwihlelo eliphakathi ngokwezinga lokuqonda, nabaqonda nangakumbi kwizifundo zabo zolwimi ezilungele eli banga. Lilonke, ezi ncwadi zilungiselelwe ukuze zifikeleleke kuzo zonke iindidi zabafundi. Kungoko zicwangciswe ngohlobo lokuba yonke into icace gca ukuze kube lula kutitshala ukuyisebenzisa kwiklasi yakhe. Inkcazelo yemiba efuna ingcaciso engaphezulu iyafumaneka ilungisiwe yabekwa ngobunono phaya kwincwadi katitshala. Ezi ncwadi ziqulunqwe zalungiswa ngohlobo lokuba ziquke bonke abafundi abakwibanga le-12, zingabi namkhethe. Imisetyenzana ichazwe ngokulula, maxa wambi ikhatshwa yimizekelo, ukuze kube lula ukuyenza. Kukwakho novavanyo olwenziwa ekupheleni komxholo ngamnye ukuqinisekisa ukuba abafundi bakuqondile oko bebefunda ngako, nokuqinisekisa ukuba ikho inkqubela-phambili kwizifundo. Zonke iimpendulo zovavanyo ziyafumaneka kwincwadi katitshala ukuze imxhase kangangoko ngethuba eqhuba izifundo kwiklasi yakhe. Yonwabele ke mfundi nawe titshala, ukuze niphuhliseke nangakumbi kubuchule bokulandela ulwimi lwenu, isiXhosa.
IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 12 Incwadi yomfundi: UBC Contracted

Indlal’ namanyala
by M LamatiIndlal' Inamanyala ngumdlalo omalunga nabafazi ababini ababe ngamahlwempu. Babethwala imithwalo yabanye abantu kwisikhululo seeteksi ukuze bakwazi ukusa into phantsi kwempumlo kwaye bafundise aba abantwana babo. Aba bantwana bathi sele begqibile ukufunda, kwanzima ukufumana imisebenzi. Bazibona bephantsi koxinzelelo lokunyoba isikhulu esasiqesha. Le ncwadi ikhethwe liSebe lezeMfundo esisiSeko ukuba ifundwe kwiBanga le-12 kwaye izalisekise zonke iimfuneko zePolisi yeKharityhulamu noHlolo (CAPS) zoLwimi lwaseKhaya eziphathelele kwiimviwo zesiXhosa zeBanga Ie-12.
Iintsuku ezintathu etyholweni kunye no-Izakhono zokuphila ubomi benene
by Margot Long and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Ihlebo laseMapungubwe namanye amabali
by Barbara Herbert, Bob Herbert and Ruth PresslerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Yindlela abayenza ngayo! kunye no-Yenziwa njani namhlanje
by Connie September and Ruth PresslerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Amacilikishe oyikekayo kunye no-IiDayinaso kwiiNtsomi zeNzululwazi
by Rosemary Golding and Ruth PresslerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
UOrville noWilbur kunye no-Unogqaza ngoyena ubhabhela phezulu
by Jim Draper and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
UMoses nenkawu kunye no-Ubuhlobo obungaqhelekanga
by Jenny Seed and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Isixeko saseCanvas namanye amabali
by Jenny Seed and Ruth PresslerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Oohlabamanzi abaluhlaza kunye no – intlanzi ebomvu
by Margot Long and Linda MichellisiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Ummelwane othanda iindaba namanye amabali
by Rosemary Golding and Ruth PresslerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Ukuba nempilo! kunye Imidlalo yevidiyo:iMnandi okanye Mibi Kakhulu?
by Margot Long and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Ukwanga okukhulu kakhulu kunye Iyeza elingaphantsi kwesibonakhulu
by Gillian Leggat and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 6
Iinkuni zomlilo kunye no Londoloza Umthi
by Elaine Macdonald and Linda MichellIsiXhosa uLwimi Lwasekhaya Ibanga 5
Icilikishe eliluhlaza elinamaqhinga namanye amabali
by Jenny Seed Elizabeth EagarIsiXhosa uLwimi Lwasekhaya Ibanga 5
intombazana engenafowuni kunye
by Margot Long and Elizabeth EagerIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 5
Usimon uya kwibhaleyi kunye no- wonke umntu wahlukile
by Elaine Macdonald and Elizabeth EagerIsiXhosa uLwimi Lwasekhaya Ibanga 5
Masenze isipho kunye no-Inyanga entsha nexilongo lemvula
by Margot Long and Linda MichellIsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Ibanga 5